Personal tools
You are here: Home eNewsletter Archives 2016 august2016 SEAmester ne Agulhas System Climate Array
Research Infrastructures

EFTEON website

SAPRI Proposal

SMCRI website

Research Publications

SAEON RESEARCH 

OUTPUTS 2006-2017

Log in


Forgot your password?

NRF logo

 

 

SEAmester ne Agulhas System Climate Array

Ibhalwe ngu Thomas Mtontsi
mail.jpg facebook.jpg


Ngunyaka wesibini weAgulhas System Climate Array (ASCA), uluhlu lwesixokelelwano lwezixhobo zohlola ulwandle. Injongo ngeASCA kukufumaninsa indima yomlambo wolwandle iAgulhas Current kuguquguquko lwemo yezulu. Kwakucetywe ukuba olu hlolo lwakuthatha yonke inyanga kaTshazimpuzi, suka ke lwaqhawuka phakathi ngenxa yemo yezulu engakhange ibentle konke-konke. Ibiyinxalenye yamalungiselelo into yokuba olu hambo luquke utitshala, abafundi ababini kunye negosa lezeMfundo laseEgagasini. Eli thuba libuye lavela kwaye ladityaniswa nelinge elitsha elibizwa ngokuba yiSEAmester (Inkqubo yokufunda kuLwandle yeloMzantsi Afrika) elisungulwe phantsi kwephulo leASCA.

Le nkqubo ye SEAmester idityaniswe nguNjingalwazi Isabel Ansorge we Dyunivesity yase Kapa, ijoliswe ukwazisa inzululwazi zaselwandle, kuzo zonke izigaba (cross-disciplinary). Abathathi-nxaxheba ibingabafundi bomgangatho ophezulu abasuka kumaziko emfundo ephakamileyo okanye idyunivesiti ezahlukileyo apha eMzantsi Afrika. Bakhetwe bangamashumi amane (40). Injongo ikukubaninka inkxaso kwiindlela zophando ngotshintsho lwemo yezulu nangenxaxheba ethathwa lulwandle. Bohlulwe kubini ke aba bafundi. La maqela ebetshintsha-tshintshana, elinye xa lihlalele ukuhlohlwa elinye lifunda ngokusebenza izixhobo zaseLwandle.

UNaomi Julius, nohlohla ezeNzululwazi kwisikolo samaBanga aphakamileyo iHoutbay, ukhe wamenywa ukuba abe yinxalenye yale ndibanisela yeASCA / SEAmester. Ebeqala ke ukuba akhwele umkhumbi aye elwandle, xa esicaphulela kwindlela azive ngayo ngokuchitha iintsuku ezilishumi elwandle uthethe wenjenje "Intlangenisela yazo zonke izinto ezenzeke elwandle ibibonisa indlela iinkqubo zomhlaba ezixhomekeke ngazo enye kwenye. Indenza ukuba ndizimisele ngakumbi kwaye ndizinikele ngendlela eyodwa enomdla ekufundiseni izifundo ze Bhayoloji (Biology) kumabanga aphezulu kunye nezeNzululwazi – YezeNdalo (Natural Science) ke ukutsho kumabanga 8 no 9. Ndinethemba lokuba oku kuyakwandisa ulwazi nokuqonda ukuba ubomi busebenza njani.”

Njengenxalenye SAEON Education Programme, ukuxhasa abafundi kwizakhono zenzululwazi, umfana Clarence Daniels owenza ibanga lesibhozo ophuma kwisikolo samabanga aphakamileyo iHoutbay nentombazana uZukhanye Tida owenza ibanga lethoba ophuma kwiSikolo samaBanga aphakamileyo iSophumelela, banikwa ithuba lokuthatha inxaxheba kwi SEAmester. Icebo ibikuba babeyinxalenye yezi zifundo, futhi bazame ukuqonda wonke umsebenzi owenziwa kumaziko abonelela ngeziphumo zovavanyo (laboratories), besebenzisana nabafundi kunye neenkcubabuchopho okanye iingcaphephe ezahlunkeneyo zala macandelo. Phofu ke bezama ukudibanisa iprojekthi encinane ekugqibeleni. Okokugqibela, bebenomsebenzi wokufaka elwandle uhlobo lwezixhobo zohlol’ ulwandle olubizwa ngokuba yi “Argo Float”. Bezine eziArgo Foat ebezifakwe elwandle. Isiskolo ngasinye kwizikolo ezixhaswa ngabakwaSAEON ezidibanise nezi basuka kuzo aba bafundi, bazakujonga futhi balandele utshintsho olwenzeka elwandle.

Aba kwaSAEON banethemba lokuba ezi zixhoba zizakuba kuluhlu lwezinto ezisetyenziswa ngootitshala nabafundi ukuze kubekho ulwazi nezakhono eziphangaleleyo zeNzululwazi. Le data ifumaneka kwi- website ye Argo .

1101.jpg

Umfanekiso obonisa apho zifakwe khona ezi zixhobo

Ukuzibona engumfundi kolu hambo utitshalakazi kubangele ukuba ihlaziyeke ngokutsha indlela ababona ngayo abafundi. Kuwo onke amalungiselelo akhe ngoku uyakutsho awenze ngendlela eyodwa.

Ukuncedisa iprojekthi yakhe uZukanye Tida, wenze udliwano nedlebe naba kwa South African Weather Service (Lebohang Melato kunye no Lebogang Mashile), ne nenekazi eliyikhadethi yomkhumbe.

1104.jpg

UZukhanye Tida, umfundi webanga lethoba wesikolo iSophumelela,  Thomas Mtontsi, igosa lezemfundo lakwa SAEON Egagasini, no Jethan d’Hotman, igosa le ASCA belungiselela ukufaka iArgo Float ebandakanywe nesikolo samabanga aphezulu iSophumelela

Zukanye Tida, a Grade 11 learner of Sophumelela High School (left), Thomas Mtontsi, education officer at SAEON's Egagasini Node (centre) and ASCA officer Jethan d’Hotman get ready to deploy the Argo float adopted by Sophumelela High School

Zukanye Tida wenze le ngxelo ngohambo: "Ndityhileke kakhulu ngenxa yoluhambo, zinizi izinto ezintsha endizifundileyo futhi noba bendiye ndagula nje ngenxa yokungaqheli umkhumbi kodwa ndazingcono ngezifundo ezingolwandle ngoku.”

Amazwi okugqibela akhe: "Ndiyababublela futhi ndinentlonipho eyodwa kubantu abaye bobelana ngolwazi lwabo nam."

Clarence Daniels ukhawuleza waqonda ukuba unomdla kweli cala lokwakheka kolwandle (chemistry) yolwandle. Ebenehlombe esebenze ngokuzimisela futhi nabo bonke abafundi bamaziko emfundo ephakamileyo iiyunivesithi kwakunye nezi ngcaphephe. Ude ke waba nentetho ayenzileyo esithi thaca konke akufundileyo ekwabulela ngeli thuba kunye nentsebenziswano.

Uthe xa ethetha "Ukususela ngomhla wokuqala, futhi rhoqo emva kwesidlo sakusasa, sibe nethuba lokufunda ngamacandelo ahlukileyo angolwandle. Besiye sohlulwe kubini ke emveni koko silandele okulungiselelwe olo suku.

Iqela lokuqala lenze imisebenzi yesandla kuze emva kwesidlo sasemini kutshintshwane elinye iqela libekuhlohlo lwezifundo. Ndifunde indlela zokusebenzisana xa useqeleni, nokuzimisela ndiphantsi koxinzelelo lwexesha. Indenze ndaziva ingathi ndiyiNzululwazi yokwenene. Ndithatha iisampuli nokuhlalutya.

Kube kuhle kakhulu ukufunda ukusebenzisa izixhobo ezahlukeneyo zokuhlola ulwandle futhi nokufaka iArgo Float yesikolo sethu elwandle.”

Ukuxatyiswa komsebenzi weenzululwazi kubuye kwaxhaswa nanguNaomi Julius: "Kum bavuselele intlonipho endinayo ngomsebenzi wabo, neentlobo ezahlukileyo zemibuzo abayibuzayo; iiyure ezininzi zophando olunzulu kunye nomsebenzi ekufuneka wenziwe kuphando lwabo. "

Ngethuba uNaomi ebuzwa ngokuba ibenefuthe elithini yonke le nquleqhu kumsebenzi wakho wokufundisa, uthe: "Ukuhlala kwiiklasi ezahlukeneyo ufunda izinto ezingaka, kundenze ukuba ndibenovelwano ngabafundi abadinga ukuba bahlale kuko konke oku. Iindlela ezintsha zinyanzelekile zibeyindibanisela yako konke okuzamayo njengotishala. Ndithathe izinto eziliqela ukuqinisa eyam indlela yofundisa.

1102.jpg 1103.jpg

Thomas Mtontsi wase SAEON ecacisela Clarence Daniels (ngasekunene), umfundi wesikolo samabanga aphezulu iHoutbay, ngomsebenzi wesixhobo sase lwandle

SAEON's Thomas Mtontsi (in red jacket) explains the moorings deployed on the ASCA line to Clarence Daniels, a Grade 10 learner from Houtbay High School (right)                                                                                                                     

INzululwazi ephambili, uNjingalwazi Isabel Ansorge we Dyunivesity yase Kapa ecacisela abafundi ngokusetyenziswa kwesixhobo i CTD nesihlola ubushushu nobutyiwa ngokuhambelana nobunzulu bolwandle

Chief scientist Prof. Isabelle Ansorge (left) explains to the students how a CTD instrument is used to determine the conductivity, temperature and depth of the ocean

BOX: SEAmester, South Africa’s Classroom Afloat: An opportunity for school sciences?

The SEAmester initiative aimed to introduce marine science as an applied and cross-disciplinary field to students who have shown an affinity for core science disciplines. It combined traditional classroom lectures with hands-on ship-based deck activities for 40 students, while providing them an opportunity to support specialist scientists in marine research activities.

As part of the SAEON Egagasini Node’s Education Outreach Programme, which is aimed at equipping learners with science skills, Clarence Daniels (Grade 10) from Houtbay High School and Zukhanye Tida (Grade 11) from Sophumelela High School were given an opportunity to participate in the first SEAmester cruise. They attended the lectures, interacted with the different experts and students, completed a small science project and participated in the Adopt-a-float deployment process as representatives of their schools.

Four of the five schools supported by the Node’s Education Programme will be monitoring the trajectories and analysing the data from these Argo floats. The data is made publically available on the Argo website within hours of collection.

Argo is a global array of some 3 900 free-drifting profiling floats that measure the temperature, salinity and velocity of the upper 2 000 metres of the ocean.

Document Actions